8 UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.
9 Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –ziya kuma kuzo izicaka zam.
10 ISharon yoba lidlelo lempahla,iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.
11 “Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –
12 nina nimiselwe ikrele;ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.Kaloku anisabelanga ndakunibiza,aniphulaphulanga naxa ndithetha;suka nakhetha ukwenza ububindaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”
13 Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,nibe ke nina nithe nca yindlala.Izicaka zam aziyi kuswela manzi,nibe ke nina nikhothekile lunxano.Zothi zona zichulumacha yimincili,nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.
14 Izicaka zam zomemelela zinemihlali,ukanti nina nobhomboloza yintlungu,nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.