2 Abantu ababemfamza ebumnyameningoku bakufumene ukukhanya;kwabo babehamba ebumnyamenikubo uthe qheke umsobomvu.
3 Wena usandisile isizwe sakho,usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.
4 Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.
5 Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.
6 Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.Nguye ke oya kulawula.Ke yena wothiywa igama kuthiwenguMcebisi omangalisayo,uThixo oligorha,uSonini-nanini,iTshawe loxolo.
7 Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!
8 INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.