7 Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!
8 INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.
9 Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:
10 “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”
11 *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,nditsho iintshaba zeentshaba zabo;ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.
12 Ngama-Aram ngasempumalanga,ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;xa zizonke zigragramela uSirayeli.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
13 Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.