1 Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kusebenzisa elo krele lakhe ligeqayo, ayohlwaye inabulele, alibulale elo gongqongqo lijubalaze libhinyalaze elwandle.
2 Ngelo thuba ke *uNdikhoyo uya kuthi:“Yinzwakazi yesidiliyazana, khanintyontyele!
3 Mna Ndikhoyo ndingumalusi waso,mna ndisinkcenkceshela rhoqo;nangobhadakazi andilali, ndalusa sona,hleze ubani asonakalise.
4 Ngoku umsindo wam uthothile.Akwaba ebekho ameva, ngendiwatshisa;ewe, bendiya kulwa nawo ngenene.
5 Zona iintshaba mazizimele kum,mazizabalazele uxolelaniso;ngenene mazicele uxolo.”
6 Ngemihl' ezayo uYakobi uya kumila;ewe, uSirayeli uya kudubula aqhakaze;ilizwe lophuphuma yimveliso yakhe.
7 USirayeli noko yena akohlwaywanga kangako,noko akafaniswanga neentshaba zakhe,akatshatyalaliswanga njengabagwinti bakhe.