11 “Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –
12 nina nimiselwe ikrele;ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.Kaloku anisabelanga ndakunibiza,aniphulaphulanga naxa ndithetha;suka nakhetha ukwenza ububindaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”
13 Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,nibe ke nina nithe nca yindlala.Izicaka zam aziyi kuswela manzi,nibe ke nina nikhothekile lunxano.Zothi zona zichulumacha yimincili,nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.
14 Izicaka zam zomemelela zinemihlali,ukanti nina nobhomboloza yintlungu,nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.
15 Ke lona igama lenu loba sisigculelo kubantu bam;uMhlekazi uNdikhoyo uya kunitshabalalisa,zona izicaka zakhe azinike igama elitsha.
16 Kweli lizwe ke othamsanqelayouya kwenjenjalo ngegama likaThixo onguThembekile,nofungayo uya kubiza uThixo onguThembekile.Kaloku iinkathazo zamandulo zoba sezalityalwa;ngenene, zoba zifihlakele ndingasazikhumbuli.”
17 *UNdikhoyo uthi:“Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha,ngokunjalo nehlabathi elitsha.Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.