1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo,Ongemiyo endleleni yaboni,Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2 Yena unonelela umyalelo kaYehova;Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi,Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo,Ogqabi lawo lingabuniyo;Konke akwenzayo kophumelela.
4 Àbanjalo abangendawo;Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni,Naboni ebandleni lamalungisa.