Iindumiso 89 XHO75

Umnqophiso kaThixo noDavide; ubudwayi bukaSirayeli

1 Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade,Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.

2 Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba;Amazulu, úya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho.

3 Wathi, Ndenzé umnqophiso nomnyulwa wam,Ndifungile kuDavide umkhonzi wam:

4 Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho,Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)

5 Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova,Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.

6 Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova? Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo.

7 UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele,Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?

8 Yehova, Thixo wemikhosi,Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova?Ukuthembeka kwakho kukungqongile.

9 Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle;Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.

10 Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo,Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.

11 Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi;Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe.

12 Umntla nomzantsi wadalwa nguwe;ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.

13 Yeyakho ingalo enobugorha;Síthe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho.

14 Ummiso wetrone yakho bubulungisa nokusesikweni;Inceba nenyaniso ilungiselela phambi kwakho.

15 Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma!Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.

16 Baya kugcoba egameni lakho imini yonke,Baphakame ngobulungisa bakho.

17 Ngokuba isihombo samandla abo nguwe;Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.

18 Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu,UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.

19 Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,Ndibeké uncedo egorheni,Ndiphakamisé indodana ebantwini.

20 Ndifumene uDavide umkhonzi wam;Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,

21 Esiya kuqinisela kuye isandla sam,Nengalo yam imkhaliphise.

22 Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.

23 Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.

24 Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25 Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26 Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

27 Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.

28 Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;

29 Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.

30 Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;

31 Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:

32 Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.

33 Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.

34 Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.

35 Ndibufungé kwakanye ubungcwele bam, ndathi,Inene, andiyi kumxokisa uDavide;

36 Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade,Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.

37 Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade;Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)

38 Kwawena ùmhlambile, umcekisile,Ùmphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;

39 Ùthe nèthe ngumnqophiso womkhonzi wakho;Ùsidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.

40 Ùzityhobozile zonke iintango zakhe,Ùzenze inxuwa iinqaba zakhe.

41 Bayamphanga bonke abadlula ngendlela,Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.

42 Ùsiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo,Ùzivuyisile zonke iintshaba zakhe.

43 Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe,Akwammisa emfazweni.

44 Ùmsusile enkazimlweni yakhe,Ùyikhahlele emhlabeni itrone yakhe,

45 Ùyinqumle imihla yobutsha bakhe,Wamthi wambu ngokudana. (Phakamisani.)

46 Kunini na, Yehova, uhleli uzisithelisile,Busitsha njengomlilo ubushushu bakho?

47 Khumbula ukunqamka kwam, into okuyiyo!Ubadaleleni na, baba yinto engento bonke oonyana babantu?

48 Yiyiphi na indoda ehleliyo, engayi kukubona ukufa,Enokuwusindisa umphefumlo wayo esandleni selabafileyo? (Phakamisani.)

49 Ziphi na iinceba zakho zangaphambili, Nkosi yam,Owamfungela zona uDavide ngokuthembeka kwakho?

50 Khumbula, Nkosi yam, ukungcikiveka kwabakhonzi bakho;Ndithwele esifubeni sam zonke izizwe ezininzi,

51 Ezingcikivayo, ziziintshaba zakho, Yehova;Ezingcikiva amanyathela omthanjiswa wakho.

52 Makabongwe uYehova ngonaphakade. Amen, amen.