1 Vumani kuYehova ingoma entsha,Vumani kuYehova, nonke hlabathi.
2 Vumani kuYehova, bongani igama lakhe,Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.
3 Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
4 Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.
5 Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.
6 Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
7 Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla;
8 Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
9 Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
10 Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani,Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi,Úya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
11 Liya kuvuya izulu,Ligcobe ihlabathi;Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.
12 Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo,Ize imemelele yonke imithi yehlathi
13 Phambi koYehova, ngokuba esiza,Ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Úya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.