1 Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon;Sizaliswa kuwe isibhambathiso.
2 Wena mphulaphuli wemithandazo,Iza kuwe inyama yonke.
3 Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa,Ukreqo lwethu ùyaluxolela wena ngocamagushelo.
4 Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondezeUkuba ahlale ezintendelezweni zakho!Sìya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho,Kwetempile yakho engcwele.
5 Ùsiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa,Thixo osisindisayo;Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;
6 Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe,Ebhinqe ubugorha;
7 Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo,Nokuxokozela kwezizwe.
8 Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi.Ùmemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.
9 Ùwuvelele umhlaba, wawunyéla,Wawutyebisa kakhulu.Umjelo kaThixo uzele ngamanzi:Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.
10 Useza ihluthe imisele yawo;Unyakamisa imiqela yawo.Uthambisa ngeziphango;Usikelela izilimo zawo.
11 Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho,Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.
12 Ayatsitsa amakriwa entlango,Iinduli zizibhinqise umgcobo.
13 Amadlelo anxibé imihlambi yeenkomo;Iintili zambethe ingqolowa.Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma.