1 Haleluya!Dumisani, bakhonzi bakaYehova,Dumisani igama likaYehova.
2 Malibongwe igama likaYehova,Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.
3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo,Malidunyiswe igama likaYehova.
4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova,Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.
5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu?Ulohlala phezulu;
6 Uloqondela phantsi,Ezulwini nasemhlabeni?
7 Ulomvusa eluthulini osweleyo,Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,
8 Ukuba amhlalise namanene,Amanene abantu bakhe;
9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo,Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!