1 Yizani simemelele kuYehova,Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.
2 Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo,Masidume kuye ngeengoma.
3 Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova,NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
4 Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi,Neencopho zeentaba zezakhe.
5 Ulolwàkhe ulwandle, nguyena walwenzayo;Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.
6 Yizani, masiqubude, siguqe,Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.
7 Ngokuba nguThixo wethu yena,Thina ke singabantu bokwalúswa nguye, nezimvu zesandla sakhe.Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha,*Njengemini yaseMasa entlango;
9 Oko bandilingáyo ooyihlo.Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
10 Iminyaka yaba ngamashumi amané ndikruqukile sesi sizukulwana,Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo,Àbazazi iindlela zam bona;
11 Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi,Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.