Iindumiso 73 XHO75

Impumelelo yabangendawo; ukungafani kwesiphelo sabo nesamalungisa

1 Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli,Kwabantliziyo zinyulu.

2 Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam;Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;

3 Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo,Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.

4 Ngokuba àbanazintlungu ekufeni kwabo;Baphilile, batyebile umzimba wabo;

5 Ebubini babantu àbakho bona;Àbakhathazwa njengabanye abantu.

6 Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.

7 Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.

8 Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.

9 Bawubeka ezulwini umlomo wabo,Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.

10 Ngako oko abantu babo babuyela apha;Bafinca amanzi amaninzi.

11 Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?Kukho ukwazi na kOsenyangweni?

12 Yabona abangendawo abayáBanokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.

13 Sìfumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti,Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;

14 Ndakhathazeka imini yonke,Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.

15 Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha,Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.

16 Ndathi ke ndakùcinga ukuba ndikwázi oko,Kwayinkohla emehlweni am;

17 Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo,Ndakúgqala ke ukuphela kwabo.

18 Inene, ùbamise ezindaweni ezibuthelezi,Wabawisa baba yintshabalala.

19 Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo;Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.

20 Njengephupha ekuqabukeni komntu,Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wòwudela umfanekiso wabo.

21 Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo,Ndahlabeka ezintsweni,

22 Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi;Ndoba ke ndisisilo kuwe.

23 Mna ke ndihlala ndinawe;Ùndibambile ngesandla sam sokunene;

24 Ùya kundikhapha ngecebo lakho.Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.

25 Ndinabani na emazulwini?Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.

26 Ingáphela inyama yam nentliziyo yam:Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

27 Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka;Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.

28 Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum,Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova,Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.