Iindumiso 34 XHO75

Ugcino lukaThixo kwabakhe

1 Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke,Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.

2 Úya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova;Bova abalulamileyo, bavuye.

3 Menzeni mkhulu kunye nam uYehova,Siliphakamise kunye igama lakhe.

4 Ndamfuna uYehova, wandiphendula;Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.

5 Babheka kuye, bakhazimla;Ubuso babo àbaba nazintloni.

6 Usizana lwadanduluka, weva uYehova,Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.

7 Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo,Sibahlangule.

8 Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.Hayi, uyolo lomfo ozímela ngaye!

9 Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.

10 Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe;Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.

11 Yizani, bonyana, phulaphulani kum;Ndonifundisa ukoyika uYehova.

12 Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi,Othanda imihla yokubona okulungileyo?

13 Gcina ulwimi lwakho ebubini,Umlomo wakho ungathethi nkohliso.

14 Suka ebubini, wenze okulungileyo;Funa uxolo, uluphuthume.

15 Amehlo kaYehova akumalungisa,Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.

16 Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi,Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.

17 Akhala, weva uYehova;Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.

18 Ùsondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo,Àbasindise abamoya utyumkileyo.

19 Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa,Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.

20 Ùyawagcina onke amathambo alo,Akwaphuki nalinye kuwo.

21 Ububi buyambulala ongendawo;Abathiyi belungisa bayalithwala ityala.

22 UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe,Bangàthwali tyala bonke abazimela ngaye.