1 Haleluya!Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova,Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
2 Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe;Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
3 Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe;Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
4 Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye,Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
5 Unoyolo umntu obabalayo, aboleke;Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6 Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade;Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7 Àkoyikiswa ziindaba ezimbi;Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8 Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki;Úya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9 Uyahlakaza, upha amahlwempu;Ubulungisa bakhe buhlala bumi,Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
10 Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe,Atshixize amazinyo, anyibilike;Umnqweno wongendawo uyadaka.