Iindumiso 77 XHO75

Imisebenzi emikhulu yamandulo kaThixo ekhunjulwa ngexesha lenkathazo

1 Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala;Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.

2 Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam;Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba;Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.

3 Ndikhumbula uThixo, ndincwine;Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)

4 Ùzibambile iinkophe zamehlo am,Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.

5 Ndicinga ngemihla yamandulo,Iminyaka yasephakadeni;

6 Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi;Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.

7 Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam,Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?

8 Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?

9 UThixo ukulibele na ukubabala?Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)

10 Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.

11 Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova;Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.

12 Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho,Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.

13 Thixo, isebungcweleni indlela yakho;Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?

14 UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo;Wawazísa amandla akho ezizweni,

15 Wabakhulula ngengalo abantu bakho,Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)

16 Akúbona amanzi, Thixo,Akúbona amanzi, azibhija-bhija,Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;

17 Amafu engqingqwa aphalaza amanzi,Isibhakabhaka savakalisa isandi;Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.

18 Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini,Imibane yalikhanyisa elimiweyo,Lagungqa lanyikima ihlabathi.

19 Yaba selwandle indlela yakho,Nomendo wakho waba semanzini amaninzi;Àwaziwa umkhondo wakho.

20 Wabakhokela njengezimvu abantu bakho,Ngesandla sooMoses noAron.