1 Úthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam;Kuvela kuye ukusindiswa kwam.
2 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.
3 Kunini na nisuka indulumbane emntwini?Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?
4 Bagqibé kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele;Bakholene namanga;Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)
5 Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam,Ngokuba livela kuye ithemba lam.
6 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.
7 KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam;Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.
8 Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu;Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
9 Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda;Esikalini* bangenyuka,Bangumphunga bephelele.
10 Musani ukukholosa ngokudla abantu,Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo.Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.
11 Uthethé nto-nye uThixo,Ezi zinto zimbini ndizivile:Ukuba amandla ngakaThixo,
12 Nenceba yeyakho, Nkosi yam;Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.