Iindumiso 9 XHO75

Imigwebo yobulungisa kaThixo

1 Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke;Ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.

2 Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe;Ndiya kulibethela uhadi igama lakho,Wena usenyangweni.

3 Ekubuyeni kweentshaba zam umva,Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.

4 Ngokuba ùlifezile ityala lam nebango lam;Ùhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.

5 Ùzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo;Igama lazo ùlicimile ngonaphakade kanaphakade.

6 Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela;Imizi ùyinyothule,Yadaka inkumbulo yayo yona.

7 Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade,Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe.

8 Úya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa,Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

9 UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo,Ingxonde ngamaxesha engxingongo;

10 Bakholòse ngawe abalaziyo igama lakho;Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.

11 Vumani ngendumiso kuYehova ohlala eZiyon;Xelani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo;

12 Ukuba umphindezeli wamagazi ubakhumbule,Akakulibalanga ukukhala kwabalulamileyo.

13 Ndíbabale, Yehova;Zíbone iintsizi zam ezikhoyo ngabandithiyayo,Mphakamisi wam emasangweni okufa;

14 Ukuze ndibalise yonke indumiso yakho,Emasangweni entombi uZiyon,Ndigcobe ngosindiso lwakho.

15 Iintlanga zitshoné esihogweni ezasenzayo,Emnatheni ezawugqumelayo kubanjiswe kwaolwazo unyawo.

16 Úzazisile uYehova; wenza umgwebo,Emthiyela ngomsebenzi wezandla zakhe ongendawo. (Bethani uhadi ngofefe. Phakamisani.)

17 Baya kubuyela kwelabafileyo abangendawo,Kwaiintlanga zonke ezimlibalayo uThixo;

18 Ngokuba aliyi kuhlala lilityalwa ihlwempu,Ithemba leentsizana aliyi kudaka ngonaphakade.

19 Khawusuk' ume, Yehova; malungàngcwangushi uluntu,Mazigwetywe iintlanga phambi kwakho,

20 Zimisele ukoyika, Yehova,Zazi iintlanga ukuba ziluluntu kuphela. (Phakamisani.)