Iindumiso 106 XHO75

Ukona kukaSirayeli nokulunga kukaThixo

1 Haleluya!Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2 Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova,Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?

3 Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko,Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke!

4 Ndíkhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho;Ndíyelele ngosindiso lwakho,

5 Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho,Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho,Ndiqhayise kunye nelifa lakho.

6 Sonile, thina noobawo;Senzé ubugwenxa, senzé okungendawo.

7 Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo;Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho;Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.*

8 Wábasindisa ngenxa yegama lakhe,Ukuze abazíse ubugorha bakhe.

9 Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma,Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.

10 Wabasindisa esandleni sobathiyayo,Wabakhulula esandleni sotshaba.

11 Amanzi abagubungela ababandezeli babo,Akwasala namnye kubo.

12 Bakholwa ke ngamazwi akhe,Bayivuma indumiso yakhe.

13 Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe,Àbalilinda icebo lakhe.

14 Bàkhanukile entlango,Bamlinga uThixo enkangala.

15 Wabanika abakubizayo;Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.

16 Bamenzela umona uMoses eminqubeni,NoAron ongcwele kaYehova.

17 Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,Waliselela ibandla lika-Abhiram;

18 Umlilo walitshisa ibandla labo,Amalangatye abalenya abangendawo.

19 Bênza ithole eHorebhe,Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.

20 Balwananisa uzuko lwaboNgento emilise okwenkomo edla utyani.

21 Bamlibala uThixo, umsindisi wabo,Owênza imisebenzi emikhulu eYiputa;

22 Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam,Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu.

23 Wathi uya kubatshabalalisa,Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe,Wema ethubeni phambi kwakhe,Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angàtshabalalisi.

24 Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo,Àbakholwa lilizwi lakhe,

25 Bakrokra ezintenteni zabo,Àbaliphulaphula izwi likaYehova.

26 Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango;

27 Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga,Abachithachithe emazweni.

28 Bazibandakanya noBhahali-pehore,*Badla imibingelelo yabafileyo,

29 Bamqumbisa ngeentlondi zabo;Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.

30 Wesuka wema uPinehasi, walamla;Sathintelwa isibetho.

31 Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisaIzizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.

32 Bamqumbisa emanzini aseMeribha,*Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;

33 Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,Waphololoza ke ngomlomo wakhe.

34 Àbazitshabalalisa izizwe,Awayethethé ngazo kubo uYehova;

35 Baxubana neentlanga ezo,Bafunda izenzo zazo;

36 Bakhonza izithixo zazo,Yaba sisirhintyelo kubo.

37 Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon;

38 Baphalaza igazi elimsulwa,Igazi loonyana babo neleentombi zabo,Ábabingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan;Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.

39 Baba ziinqambi ngezenzo zabo,Bahenyuza ngeentlondi zabo.

40 Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe,Laba lisikizi kuye ilifa lakhe.

41 Wabanikela ezandleni zeentlanga,Balawulwa ngababathiyileyo.

42 Zabaxina iintshaba zabo,Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.

43 Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula;Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo,Bonákala bubugwenxa babo.

44 Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo,Akuva ukuhlahlamba kwabo.

45 Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe,Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.

46 Wabafumanisa imfesanePhambi kwabo bonke abaye bebathimbile.

47 Sísindise, Yehova, Thixo wethu,Síbuthe ezintlangeni,Ukuze sibulele kwigama lakho elingcwele,Sizingce ngendumiso yakho.

48 Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli,Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.Mabathi bonke abantu, Amen.Haleluya!