1 Yehova, wuve umthandazo wam,Kufike kuwe ukuzibika kwam.
2 Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam,Ndíthobele indlebe yakho;Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
3 Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi;Amathambo am avutha njengeziko.
4 Ibethwé yoma njengomfuno intliziyo yam,Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.
5 Ngenxa yezwi lokugcuma kwamAmathambo am atshele enyameni yam.
6 Ndifana nengcwangube yentlango,Ndinjengesikhova sasemanxoweni.
7 Andilali;Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.
8 Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam,Abandigezelayo bathuka ngam.
9 Ngokuba ndidlé uthuthu njengesonka,Into endiyiselayo ndiyiphithikezé nezililo,
10 Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho;Ngokuba ùndifunqule wandilahla.
11 Imihla yam injengokoluka kwamathunzi;Mna ndomile njengomfuno.
12 Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.
13 Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
14 Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.
15 Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
16 Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
17 Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.
18 Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
19 Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
20 Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;
21 Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,Ngendumiso yakhe eYerusalem;
22 Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye,Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.
23 Úwathobile endleleni amandla am,Uyinqamle imihla yam.
24 Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam.Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.
25 Waliseka kudala ihlabathi;Lisisenzo sezandla zakho izulu.
26 Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume;Zona zonke ziya konakala njengengubo,Wòzigugisa njengesambatho, ziguge;
27 Ke wena uhleli unguwe,Iminyaka yakho ayinakuphela.
28 Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala,Imbewu yabo izimasèke phambi kwakho.