Iindumiso 132 XHO75

Ukuzondelela indlu kaThixo

1 Yehova, mkhumbulele uDavideUkucinezeleka kwakhe konke;

2 Yena wamfungelayo uYehova,Wabhambathisa kwimbalasane enguThixo kaYakobi,

3 Esithi, Andiyi kungena ententeni eyindlu yam,Andiyi kunyuka ndiye esililini, emandlalweni wam;

4 Andiyi kuwanika amehlo am ubuthongo,Neenkophe zam ukozela:

5 Ndide ndimfumanele indawo uYehova,Ndiyifumanele umnquba imbalasane kaYakobi.

6 Khangela, sawuva e-Efrata,Sawufumana ezintilini zaseKiriyati-yeharim.*

7 Masingene emnqubeni wakhe,Siqubude esihlalweni seenyawo zakhe.

8 Khawusuk' ume, Yehova, uze ekuphumleni kwakho,Wena netyeya yamandla akho.

9 Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa,Bamemelele abakho benceba.

10 Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,Musa ukubutyhala ubuso bomthanjiswa wakho.

11 UYehova wamfungela uDavide;Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto,Esithi, Esiqhameni sezibilini zakhoNdimisa oya kuba setroneni yakho.

12 Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam,Nesingqiniso sam endibafundisayo:Oonyana babo bothi nabo bahlaleEtroneni yakho nanini.

13 Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon,Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;

14 Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini;Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.

15 Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene;Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,

16 Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo,Abenceba bayo bamemelele bememelela.

17 Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide,Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.

18 Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano;Ke phezu kwakhe yena síya kutyatyamba isithsaba sakhe.