1 Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon:Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.
2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba;Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe,Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa,Ukuze amalungisa angazisí ebugqwetheni izandla zawo.
4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo,Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.
5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso,UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga.Malube luxolo kuSirayeli.