Iindumiso 59 XHO75

Umthandazo wokuchasa neentshaba ezinekratshi

1 Ndíhlangule ezintshabeni zam, Thixo wam,Ndíse engxondeni kwabasukela phezulu kum.

2 Ndíhlangule kubasebenzi bobutshinga;Ndísindise ebantwini abanamagazi.

3 Ngokuba nâbo bewulalela umphefumlo wam;Baqukana ngam ábanamandla,Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4 Ndingenabugwenxa nje, bagidimé baxhoba.Vuka, undikhawulele, ubone.

5 Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli,Phapha, uzivelele zonke iintlanga;Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengábagqithi. (Phakamisani.)

6 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

7 Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;Ngamakrele emlonyeni wabo;Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8 Wena, Yehova, uyabahleka,Ùyazigculela zonke iintlanga.

9 Mandla am, ndiya kulindela kuwe;Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10 UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe;UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11 Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu;Babhadulise ngamandla akho, ubawise,Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12 Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo;Mababanjiswe likratshi labo,Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13 Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

15 Bona babhadulela ukudla;Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

16 Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho,Kuba ubuyingxonde kum,Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17 Mandla am, ndiya kukubethela uhadi;Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.