1 Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo!Baninzi abasukela phezulu kum.
2 Baninzi abathi kumphefumlo wam,Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)
3 Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum,Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.
4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam,Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)
5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo;Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.
6 Andizoyiki izigidi zabantuAbakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.
7 Khawusuk' ume, Yehova; ndísindise, Thixo wam;Ngokuba ùzibetha zonke iintshaba zam emhlathini;Amazinyo abangendawo ùyawaphula.
8 Usindiso lolukaYehova:Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)