Iindumiso 51 XHO75

Umthandazo womoni ozohlwayayo ecela ukuxolelwa

1 Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho!Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!

2 Ndíxovule kunene, busuke ubugwenxa bam,Undihlambulule esonweni sam.

3 Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam,Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.

4 Ndonile kuwe, kuwe wedwa,Ndênza okubi emehlweni akho;Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho,Ucace ekugwebeni kwakho.

5 Ùyabona, ndizalelwe ebugwenxeni,Ndakhawulwa nguma esonweni.

6 Ùyabona, ùfuna inyaniso ezintsweni,Ésitheni undazisa ubulumko.

7 Ndíhlambulule isono ngehisope,* ndihlambulùke;Ndíxovule, ndibe mhlophe kunekhephu;

8 Ndivise imihlali nemivuyo,Agcobe amathambo owacolileyo.

9 Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam,Ubucime bonke ubugwenxa bam.

10 Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo,Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.

11 Musa ukundilahla ebusweni bakho,UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.

12 Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho,Undixhase ngomoya wentumekelelo.

13 Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho,Babuyele kuwe aboni.

14 Ndíhlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo;Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.

15 Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam,Uyixéle indumiso yakho umlomo wam.

16 Ngokuba akunanzé mibingelelo, bendiya kukunika;Àkalikholo kuwe amadini anyukayo.

17 Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo,Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo,Thixo, akuyi kuyidela.

18 Yenzele okulungileyo iZiyon ngokukholekileyo kuwe;Yakha iindonga zeYerusalem.

19 Kuya kwandula ukuba mnandi kuwe imibingelelo yobulungisa, amadini apheleleyo;Ziya kwandula ukunyuswa iinkunzi ezintsha zeenkomo esibingelelweni sakho.