1 Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kuneneEmzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
2 Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehlabathi lonkeIntaba yaseZiyon, intlomo yasentla,Umzi woKumkani omkhulu.
3 UThixo, ezingxandeni zawo ezinde,Wazélwa ukuba yingxonde.
4 Kuba nâbo ookumkani babenqophisene,Bawela beza kunye;
5 Bakuthi ukubona, àbakhuluma;Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;
6 Babanjwa khona kukuthuthumela,Kukuzibhijabhija njengozalayo.
7 Ngomoya wasempumalangaÙyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.
8 Njengoko sikuvileyo, siboné kunjaloEmzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu:UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)
9 Sayikhumbula, Thixo, inceba yakhoPhakathi kwetempile yakho.
10 Njengoko linjalo igama lakho, Thixo,Lunjalo udumiso lwakho,Kwesa eziphelweni zehlabathi;Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.
11 Mayivuye intaba yaseZiyon,Agcobe amagxamesi akwaYuda,Ngenxa yezigwebo zakho.
12 Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze;Zibaleni iinqaba zayo ezinde.
13 Gqalani ungqameko lomsele wayo;Candani ezingxandeni zayo ezinde;Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,
14 Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade,Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.