Iindumiso 104 XHO75

Ubuqaqawuli bukaThixo endalweni

1 Mbonge uYehova, mphefumlo wam.Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu;Wàmbethe indili nobungangamela.

2 Ulothi wambu ukukhanya njengengubo,Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;

3 Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu;Ulowenza amafu inqwelo yakhe,Ulohamba ngamaphiko omoya;

4 Ulowenza izithunywa zakhe imimoya,Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.

5 Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6 Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7 Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8 Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9 Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

10 Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;

11 Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.

12 Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;

13 Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.

14 Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.

15 Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.

16 Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,

17 Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.

18 Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.

19 Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.

20 Wènza ubumnyama wena, kube sebusuku,Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.

21 Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga,Zifuna ukudla kwazo kuThixo.

22 Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana,Zibuthume ezikhundleni zazo.

23 Úyaphuma umntu aye emsebenzini wakheNasenkonzweni yakhe, ahlwise.

24 Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!Zonke ziphela uzenzé ngobululumko;Ùzele umhlaba zizidalwa zakho.

25 Nâlo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini;Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa,Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.

26 Kulapho kuhamba iinqanawa;Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.

27 Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe,Ukuba uzìnike ukudla kwazo ngexesha elililo.

28 Ùyazinika, ziyachola;Ùyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.

29 Ùyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa;Ùyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo,Zibuyèle eluthulini lwazo.

30 Ùthuma umoya wakho, ziyadalwa,Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.

31 Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade;UYehova makavuye ngezenzo zakhe;

32 Ulobheka emhlabeni, uzamazame;Uchukumisa iintaba, ziqhume.

33 Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi,Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.

34 Makube nencasa kuye ukucamngca kwam;Mna ndiya kuvuya ngoYehova.

35 Mabagqitywe ehlabathini aboni,Bangabi sabakho abangendawo.Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Haleluya!