Iindumiso 119 XHO75

Iingcamango ngomthetho kaThixo

1 Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo,Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!

2 Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe,Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!

3 Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha,Bayahamba ngeendlela zakhe.

4 Ùzimisile iziyalezo zakho,Ukuba zigcinwe kunene.

5 Azaba iindlela zam bezibhekiselweUkugcina imimiselo yakho!

6 Bendingayi kudana keEkubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.

7 Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye,Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.

8 Ndiya kuyigcina imimiselo yakho,Musa ukundishiya kuphele.

9 Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.

10 Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke;Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.

11 Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,Ukuze ndingoni kuwe.

12 Ungowokubongwa, Yehova;Ndífundise imimiselo yakho.

13 Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wamOnke amasiko omlomo wakho.

14 Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,Ngathi kusebuncwaneni bonke.

15 Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho,Ndibheke kumendo wakho.

16 Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho;Andiyi kulilibala ilizwi lakho.

17 Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi,Ndigcíne ilizwi lakho.

18 Vula amehlo am, ukuba ndiyiboneImisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.

19 Ndingumphambukeli ehlabathini,Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.

20 Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelelaAmasiko akho ngamaxesha onke.

21 Ùbakhalimele abakhukhumali,Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.

22 Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo,Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho.

23 Nangona abathetheli behlala bathethe ngam,Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho.

24 Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko,Zingamaphakathi am.

25 Umphefumlo wam unamathéle eluthulini;Ndíphilise ngokwelizwi lakho.

26 Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula;Ndífundise imimisela yakho.

27 Ndíqondise iindlela zeziyalezo zakho,Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo.

28 Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala,Ndímise ngokwelizwi lakho.

29 Indlela yobuxoki yisuse kum;Ndíbabale umyalelo wakho.

30 Ndiyinyúle indlela yokuthembeka;Amasiko akho ndijolisé kuwo.

31 Ndinamathéle ezingqinisweni zakho;Musa ukundidanisa, Yehova.

32 Ndigidima ngendlela yemithetho yakho,Ngokuba uyenzé banzi intliziyo yam.

33 Ndíyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho,Ndiyibàmbe kuphele.

34 Ndíqondise, ndibámbe umyalelo wakho,Ndiwugcìne ngentliziyo yonke.

35 Ndínyathelise endleleni yemithetho yakho,Ngokuba ndiyithandile.

36 Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho,Ungayithobeli ekubaweni.

37 Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo,Ndíphilise ngeendlela zakho.

38 Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho,Eyokuba bakoyike.

39 Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo,Ngokuba amasiko akho alungile.

40 Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho,Ndíphilise ngobulungisa bakho.

41 Mazize kum iinceba zakho, Yehova,Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho;

42 Ndimphèndule ngelizwi ondingcikivayo,Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho.

43 Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso,Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;

44 Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke,Ngonaphakade kanaphakade;

45 Ndihamba-hàmbe endaweni ebanzi,Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.

46 Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani,Ndingabi nakudana.

47 Ndoziyolisa ngemithetho yakhoEndiyithandayo;

48 Ndiziphakámise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo,Ndicamngce ngemimiselo yakho.

49 Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho,Ngenxa enokuba ùndithembise lona.

50 Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam,Yokuba intetho yakho indiphilisile.

51 Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu;Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho.

52 Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova,Ndathuthuzeleka.

53 Ndingenwé ngumsindo oshushu,Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.

54 Iziingoma kum imimiselo yakho,Endlwini yokuphambukela kwam.

55 Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,Ndawugcina umyalelo wakho.

56 Ndinikwe oku,Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.

57 Isabelo sam, Yehova, ndithi,Sesokuba ndigcine amazwi akho.

58 Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke,Ndíbabale ngokwentetho yakho.

59 Ndazicingela iindlela zam,Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.

60 Ndikhawulezile andazila-zilaUkugcina imithetho yakho.

61 Izintya zabangendawo zindithandele,Àndiwulibele umyalelo wakhe noko.

62 Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.

63 Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.

64 Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;Ndífundise imimiselo yakho.

65 Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,Yehova, ngokwelizwi lakho.

66 Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.

67 Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.

68 Ùlungile wena, ulungisa;Ndífundise imimiselo yakho.

69 Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.

70 Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.

71 Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

72 Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.

73 Izandla zakho zindenzile, zandilungisa;Ndíqondise, ndifùnde imithetho yakho.

74 Abakoyikayo bondibona, bavuye,Ngokuba ndilindele elizwini lakho.

75 Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.

76 Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.

77 Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile,Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.

78 Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki,Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.

79 Mabandibuyele abakoyikayo,Nabazaziyo izingqiniso zakho.

80 Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,Ukuze ndingadani.

81 Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Ndilindéle elizwini lakho.

82 Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho,Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na?

83 Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini;Andiyilibali imimiselo yakho.

84 Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?

85 Abakhukhumali bandimbele izihogo,Abangenamyalelo wakho.

86 Yonke imithetho yakho ithembekile:Bandisukela ngobuxoki; ndíncede.

87 Baphantse ukundigqibela emhlabeni,Ke mna andizilahli iziyalezo zakho.

88 Ndíphilise ngokwenceba yakho,Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho.

89 Lingunaphakade, Yehova,Limi emazulwini ilizwi lakho.

90 Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana;Ulizinzisile ihlabathi, lema.

91 Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.

92 Koko umyalelo wakho wandiyolisáyo,Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.

93 Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho,Ngokuba undiphilisile ngazo.

94 Ndingowakho mna, ndísindise,Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.

95 Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise;Mna ndigqalé izingqiniso zakho.

96 Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona;Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.

97 Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.

98 Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho,Ngokuba yeyam ngonaphakade.

99 Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.

100 Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.

101 Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi,Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.

102 Andisuki emasikweni akho,Ngokuba ùndiyalile wena.

103 Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam!Igqithe nobusi emlonyeni wam.

104 Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.

105 Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho,Likukukhanya emendweni wam.

106 Ndikufungele, ndikumisile,Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.

107 Ndide ndacinezeleka kakhulu;Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho.

108 Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam;Ndífundise amasiko akho.

109 Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam,Ndingàwulibali umyalelo wakho.

110 Abangendawo bandenzele umgibe,Andiphambukanga eziyalezweni zakho.

111 Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade,Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;

112 Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakhoNgonaphakade, kuphele.

113 Abambaxa ndiyabathiya,Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.

114 Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,Ndìlindele elizwini lakho.

115 Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,Ndibámbe imithetho yoThixo wam.

116 Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,Ungandidanisi ekulindeni kwam.

117 Ndíxhase ndisinde,Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.

118 Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

119 Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.

120 Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,Ndizoyike izigwebo zakho.

121 Ndenza ngesiko nangobulungisa,Ungandinikeli kwabandicudisayo.

122 Mmele umkhonzi wakho, kulunge;Mabangandicudisi abakhukhumali.

123 Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Nentetho yobulungisa bakho.

124 Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakhoUndifundise imimiselo yakho.

125 Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise,Ndizàzi izingqiniso zakho.

126 Lilixa lokuba uYehova enze,Kuba bawaphúle umyalelo wakho.

127 Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakhoNgaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.

128 Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke;Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.

129 Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho,Ngenxa yoko úzibambile umphefumlo wam.

130 Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa,Kuqondisa abazizidenge.

131 Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza,Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.

132 Ndíbheke, undibabale,Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.

133 Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho,Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.

134 Ndíkhulule ekucudiseni komntu,Ndizigcine iziyalezo zakho.

135 Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Undifundise imimiselo yakho.

136 Ahla imijelo yamanzi amehlo am,Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.

137 Ùlilungisa wena, Yehova,Zithe tye izigwebo zakho.

138 Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa,Zaba nokuthembeka kakhulu.

139 Ikhwele lam lindibhangisile,Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.

140 Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene,Umkhonzi wakho uyalithanda.

141 Ndimncinane, ndideliwe,Noko andizilibali iziyalezo zakho.

142 Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade,Umyalelo wakho uyinyaniso.

143 Imbandezelo nengcutheko indifumene,Imithetho yakho iyandiyolisa.

144 Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho,Ndíqondise, ndiphile.

145 Ndikhala ngentliziyo yonke, ndíphendule;Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba.

146 Ndikhala kuwe, ndísindise,Ndigcìne izingqiniso zakho.

147 Ndakúphangela ukusa, ndazibika,Ndalindela emazwini akho.

148 Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku,Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.

149 Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho,Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho.

150 Bayasondela abaphuthuma amanyala,Banyawuka emyalelweni wakho;

151 Ùsondele wena, Yehova,Yonke imithetho yakho iyinyaniso.

152 Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho,Ukuba uzisekile ngonaphakade.

153 Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule,Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.

154 Bambana nobambene nam, undikhulule,Ndíphilise ngokwelizwi lakho.

155 Lunyawukile kwabangendawo usindiso,Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.

156 Iimfesane zakho zininzi, Yehova;Ndíphilise ngokwamasiko akho.

157 Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo;Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho.

158 Ndababona abatshinizi, ndakruquka,Abo bangàyigciniyo intetho yakho.

159 Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho,Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho.

160 Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela,Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.

161 Abathetheli bandisukela ngelizé,Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.

162 Ndinemihlali ngentetho yakho,Njengofumene ixhoba elininzi.

163 Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum;Ndiyawuthanda umyalelo wakho.

164 Ndikudumisa kasixhenxe ngemini,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.

165 Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho;Akukho sikhubekiso kubo.

166 Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova;Ndenza imithetho yakho.

167 Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho,Ndizithanda kunene.

168 Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho,Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.

169 Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam;Yehova, ndíqondise ngokwelizwi lakho.

170 Masifike isikhungo sam phambi kwakho;Ndíhlangule ngokwentetho yakho.

171 Umlomo wam mawumpompoze indumiso,Kuba ùndifundisile imimiselo yakho.

172 Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho,Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa.

173 Isandla sakho masibe sesokundinceda,Ngokuba ndizinyuléle iziyalezo zakho.

174 Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova;Umyalelo wakho uyandiyolisa.

175 Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise,Andincede amasiko akho.

176 Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho,Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.