Iindumiso 136 XHO75

Umbulelo ngenxa yenceba kaThixo

1 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2 Bulelani kuThixo woothixo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

3 Bulelani kuNkosi kankosi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

4 KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:Ngokuba ingunaphakade inceba yake.

5 KuloMenzi wezulu ngengqondo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

6 KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

7 KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

8 Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

9 Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10 Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

11 Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

12 Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.

13 KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,* lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

14 Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

15 Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16 Kulohambisa abantu bakhe entlango:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

17 Kulowaxabela ookumkani abakhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

18 Wabulala ookumkani abaziingangamsha:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

19 USihon, ukumkani wama-Amori:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

20 No-Ogi, ukumkani waseBhashan:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

21 Walinikela ilizwe labo laba lilifa:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,

22 Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

23 Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

24 Wasihlangula kwabasibandezelayo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

25 Ulonika into yonke ephilileyo ukudla:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

26 Bulelani kuThixo wamazulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.