Iindumiso 90 XHO75

UThixo ongunaphakade uyinqaba yomntu

1 Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi,Isizukulwana ngesizukulwana.

2 Kungekazalwa zintaba,Ùngekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo,Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

3 Ùmbuyisela umntu eluthulini,Ùthi, Buyani, nyana babantu.

4 Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akhoLinjengemini yezolo, xa idluleyo,Linjengomlindo wasebusuku.

5 Uyabakhukulisa, balale;Ngengomso babuya bahlume njengotyani.

6 Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume;Ngokuhlwa buyasikwa bome.

7 Ngokuba sìyaphela ngumsindo wakho,Sikhwankqiswe bubushushu bakho.

8 Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho,Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.

9 Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho,Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.

10 Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo,Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto,Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.

11 Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho,Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?

12 Sázise kanye ukuyibala imihla yethu,Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.

13 Buya, Yehova, kunini na?Uzohlwáye ngenxa yabakhonzi bakho.

14 Síhluthise kwakusasa ngenceba yakho,Simemelèle, sivuye yonke imihla yethu.

15 Sívuyise ngangemihla owasicinezela ngayo.Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.

16 Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho,Nobungangamela bakho koonyana babo.

17 Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu.Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu,Isenzo sezandla zethu usizimase sona.