1 Yehova, Nkosi yethu,Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.
2 Emlonyeni wabantwana nabanyáyo useké amandla,Ngenxa yababandezeli bakho,Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho,Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo?Unyana womntu, le nto umvelelayo?
5 Umsilelise kancinane ebuThixweni,Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
6 Umphathisé ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho,Zonke izinto ùzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele,Kwaneenyamakazi zonke;
8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle,Into ehamba ngeendlela zolwandle.
9 Yehova, Nkosi yethu,Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!