1 sahlala phantsi khona, salila,Sakùyikhumbula iZiyon.
2 Emingculubeni phakathi kwayoSazixhoma khona iihadi zethu.
3 Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibizaIzango zengoma;Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo,Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.
4 Singáthini na ukuvuma ingoma kaYehovaEmhlabeni wolunye uhlanga?
5 Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem,Masinyèle isandla sam sokunene.
6 Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam,Ukuba andithanga ndikukhumbule;Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalemNgaphezu kwemivuyo yam yonke.
7 Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom,Umhla weYerusalem,Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeniKuse elusekweni lwayo.
8 Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo;Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakhoOsiphethe ngako!
9 Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakhoEngxondorheni!