1 Líthethe ityala lam, Thixo, ubambane ngenxa yam nohlanga olungenanceba;Ndísindise endodeni ekhohlisayo, enobugqwetha.
2 Ngokuba ùnguThixo oyinqaba yam; ùndihlambelani na?Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila, ngokuxina kotshaba?
3 Thuma ukukhanya kwakho nenyaniso yakho, zindikhaphe,Zindise entabeni yakho engcwele,Naseminqubeni yakho.
4 Ndoya ke esibingelelweni sikaThixo,KuThixo wovuyo lwam olugcobayo,Ndibulèle kuwe ngohadi, Thixo onguThixo wam.
5 Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam?Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.