Iindumiso 49 XHO75

Ubutyebi abunako ukusindisa ekufeni

1 Yivani oku, nina nonke zizwe;Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,

2 Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda,Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.

3 Umlomo wam uza kuthetha ubulumko;Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.

4 Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam,Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.

5 Ndoyikelani na emihleni yobubi,Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?

6 Abo bakholose ngemfuyo yabo,Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.

7 Akukho bani unokukhulula umzalwana;Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye

8 (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,Masincanywe ngonaphakade),

9 Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.

10 Ngokuba ubona izilumko zibhubha,Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,Bayishiye nabanye imfuyo yabo.

11 Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.

12 Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

13 Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)

14 Babuthé ngokweegusha kwelabafileyo;Ukufa kuyabalúsa;Abathe tye bayabanyathela kwakusa;Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.

15 Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo,Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)

16 Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda,Bakwànda ubuqaqawuli bendlu yayo:

17 Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento,Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.

18 Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe,Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,

19 Úya kuya noko esizukulwaneni sooyise;Abayi kukubona ukukhanya naphakade.

20 Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.