1 Waziwa kwaYuda uThixo,Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.
2 Umnquba wakhe waba seSalem,Nekhaya lakhe eZiyon.
3 Wayaphula apho imibane yesaphetha,Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)
4 Ùkhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.
5 Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane,Balala umlala kanye,Akazifumana izandla zawo onke amakroti.
6 Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi,Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.
7 Unguwena wena woyikekayo;Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?
8 Emazulwini usivakalisile isigwebo;Loyika ihlabathi, lazola,
9 Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe,Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)
10 Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe;Ùya kuwabhinqa amasalela obushushu.
11 Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu;Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.
12 Úya kunqumla ukufutha kweengànga,Uyoyikeka kookumkani behlabathi.