1 Ndíbabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda;Bandixinile, besilwa yonke imini;
2 Abandilalelayo bandizonda yonke imini,Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
3 Mhlana ndinxunguphalayo mna,Ndokoholosa ngawe.
4 Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe,Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki;Inokundenza ntoni na inyama?
5 Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am;Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
6 Baqukene, babonisele,Bona bagcine izithende zam,Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
7 Bengamatshinga nje, bosinda na?Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
8 Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;Àzisencwadini yakho na?
9 Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
10 Ndilidumisa ngoThixo ilizwi,Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
11 Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki;Únokundenza ntoni na umntu?
12 Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho;Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
13 Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam,Iinyawo zam ekukhubekeni,Ukuba ndihambe phambi koThixoEkukhanyeni kobomi.