1 Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi!
2 Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova;Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo.
3 Intákana le ifumene ikhaya;Inkonjane izifumanele indlu,Apho izalela khona amathole ayo:Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi,Kumkani wam, Thixo wam.
4 Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho!Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)
5 Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe,Abakhumbula umendo oya eZiyon!
6 Bephumela entilini yemithi yeBhaka,Bayenza ibe nemithombo;Ewe, imvula iyithi wambu ngentsikelelo.
7 Baya besomelela ngokomelela;Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,
8 Yehova, Thixo wemikhosi,Wuve umthandazo wam,Wubekele indlebe, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)
9 Khangela, Thixo, ngweletshetshe yethu,Ubukhangele ubuso bomthanjiswa wakho.
10 Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka;Ndinyulé ukuba semnyango endlwini kaThixo wam,Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo.
11 Ngokuba úlilanga, úyingweletshetshe uYehova uThixo,UYehova uyabábala azukise;Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo.
12 Yehova wemikhosi,Hayi, uyolo lomntu okholose ngawe!