1 Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela,Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho,Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
4 Zavuya zamemelela izizwe:Ngokuba ùya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye,Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo;Úya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
7 Úya kusisikelela uThixo,Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.