Iindumiso 40 XHO75

Idini lombongo nomthandazo wokucela uncedo ngokhawulezo

1 Ndathembela, ndithembele kuYehova,Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.

2 Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo,Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam.

3 Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu;Abaninzi bayabona, boyike,Bakholose ngoYehova.

4 Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo,Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!

5 Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo,Nangeengcinga zakho kuthi;Akukho nto inokulinganiswa nawe;Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo;Ke ziyinkohla engenakubalwa.

6 Akunanzé mbingelelo namnikelo wakudla;Iindlebe zam uzivulile;Akubizi dini linyukayo nadini lasono.

7 Ndaza ndathi, Yabona,Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.

8 Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile;Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.

9 Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu;Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam;Yehova, wena uyazi.

10 Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam;Ndákukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho;Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.

11 Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum;Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.

12 Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.

13 Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!

14 Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.

15 Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo laboAbathi kum, Tshotsho! Tshotsho!

16 Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo,Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi,Makenziwe mkhulu uYehova.

17 Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu;INkosi iya kundikhumbulela.Umncedi wam nomsindisi wam nguwe;Thixo wam, musa ukulibala.