1 Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu,Izizwe zicamange into engeyakonto?
2 Ookumkani behlabathi bazimisile,Izidwangube zabhungaNgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;
3 Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo,Sizilahle izintya zabo kuthi.
4 Ohleli emazulwini úyahleka,INkosi iyabagculela.
5 Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo,Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.
6 Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wamPhezu kweZiyon, intaba yam engcwele.
7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo:UYehova uthe kum, ÙnguNyana wam wena;Mna namhla ndikuzele.
8 Cela kum, ndikuníke iintlanga zibe lilifa lakho,Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.
9 Ùya kuzivikiva ngentonga yentsimbi,Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.
10 Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani;Bagwebi basehlabathini, yalekani.
11 Mkhonzeni uYehova nisoyika,Gcobani nithuthumela.
12 Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni,Ngokuba ungáhle uvuthe umsindo wakhe.Hayi, uyolo lwabo bonke abazímela ngaye!