1 Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa,Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
2 Yehova, Thixo wam,Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
3 Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
4 Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.
5 Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,Itarhu lakhe liyinto yobomi;Ngokuhlwa kulalisa ukulila,Kusasa kubakho ukumemelela.
6 Ke mna ndathi ebunqobeni bam,Andiyi kushukunyiswa naphakade.
7 Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
8 Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova:
9 Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
10 Yiva, Yehova, undibabale;Yehova, yiba ngumncedi wam.
11 Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,
12 Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungàthi cwaka.Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.