Iindumiso 86 XHO75

Umthandazo welungisa elisenkathazweni

1 Thoba indlebe yakho, Yehova, ndíphendule,Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.

2 Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba;Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho,Lo ukholose ngawe.

3 Ndíbabale, Nkosi yam,Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.

4 Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho,Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;

5 Ngokuba ùlungile wena, Nkosi yam, uxolela;Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.

6 Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova,Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.

7 Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena,Ngokuba uya kundiphendula.

8 Akukho únjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo;Akukho zenzo zinjengezakho.

9 Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam,Zizukise igama lakho.

10 Ngokuba ùmkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo,ÙnguThixo wena wedwa.

11 Ndíyalele, Yehova, indlela yakho,Ndihambe ngenyaniso yakho;Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.

12 Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke,Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:

13 Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum;Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.

14 Thixo, ábakhukhumali basukéle phezulu kum;Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam;Àbakumisi wena phambi kwabo.

15 Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo,Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.

16 Ndíbheke, undibabale;Mphe amandla akho umkhonzi wakho,Úmsindise unyana womkhonzazana wakho.

17 Ndénzele umqondiso wokulungileyo,Bawubone abandithiyayo, badane,Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.