1 Haleluya!Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu;Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.
2 Umakhi weYerusalem nguYehova;Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.
3 Ulophilisa abaphuke intliziyo,Abophe amanxeba abo;
4 Ulobala inani leenkwenkwezi,Ezibiza zonke ngamagama.
5 Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu;Ingqondo yayo ayiphele ndawo.
6 Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova,Uthobela abangendawo emhlabeni.
7 Hlabelani kuYehova eyokubulela,Mbetheleni uhadi uThixo wethu.
8 Ulosibekelisa izulu ngamafu,Ulolungisela umhlaba imvula;Ulontshulisa utyani ezintabeni;
9 Ulonika inkomo ukudla,Namathole ehlungulu alilayo.
10 Akabunanze nganto ubugorha behashe,Akakholiswa zizitho zendoda;
11 UYehova ukholiswa ngabamoyikayo,Abalindé inceba yakhe.
12 Mncome uYehova, Yerusalem.Mdumise uThixo wakho, Ziyon:
13 Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho,Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
14 Ngulomisa uxolo emideni yakho,Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.
15 Ulothumela intetho yakhe ehlabathini,Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;
16 Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu,Ugcwayela iqabaka njengothuthu,
17 Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza;Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?
18 Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise;Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.
19 Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe,USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.
20 Àkenjanga ngalo kolunye uhlanga,Namasiko àluwazi.Haleluya!