Iindumiso 55 XHO75

Umthandazo wokucela ukuhlangulwa nowokucela ukutshatyalaliswa kwamatshijolo

1 Wubekele indlebe umthandazo wam, Thixo,Musa ukuzifihla esikhungweni sam.

2 Ndíbazele indlebe undiphendule.Ndiyaphaphatheka ekucamngceni kwam, ndincwine,

3 Ngenxa yelizwi lotshaba,Ngenxa yokuxinzelelwa phantsi ngabangendawo;Ngokuba zindiqengqela ubutshinga,Ziyandisukela ngomsindo.

4 Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam;Izothuso zokufa zindiwele.

5 Ukoyika nokuthuthumela kundingene;Ndigutyungelwe kukududuzela.

6 Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!

7 Nanko ndibalekela kude,Ndilalise entlango. (Phakamisani.)

8 Bendiya kukhawuleza, ndisindeEmoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.

9 Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.

10 Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;

11 Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.

12 Ngokuba àsilutshaba olu lundingcikivayo;Bendiya kukuthwala oko.Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;Bendiya kusithela kuye.

13 Nguwe, mntu ubungumlingane wam,Ikholwane lam endazana nalo,

14 Ebesicweya kamnandi,Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.

15 Ukufa makubaqubule,Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.

16 Mna ndinqula uThixo;UYehova uya kundisindisa.

17 Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine;Úya kuliva izwi lam.

18 Úwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum,Ngokuba baninzi abandichasayo.

19 UThixo uya kuva, abaphendule,Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.)Abo bangenanguquko,Bangamoyikiyo uThixo.

20 Babasa isandla abaxolelene nabo;Bahlambela umnqophiso wabo;

21 Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo,Ke yimfazwe intliziyo yabo.Athambile amazwi abo ngaphezu kweoli,Kanti aziintlangothi zekrele.

22 Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa;Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.

23 Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo.Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo;Ke mna ndikholose ngawe.