1 Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,
2 Nkosi, yiva ilizwi lam.Iindlebe zakho mazilibazeleIlizwi lokutarhuzisa kwam.
3 Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova,Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?
4 Ngokuba kunawe ukuxolela,Ukuze woyikwe.
5 Ndithembéle kuYehova, uthembile umphefumlo wam;Ndilindé ilizwi lakhe.
6 Umphefumlo wam ulindele eNkosiniNgaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.
7 Lindela kuYehova, Sirayeli,Ngokuba inceba ikuYehova;Ikuye inkululeko eninzi.
8 Yena ke wowakhulula amaSirayeliEbugwenxeni bawo bonke.