1 Yini na ukuba umele mgama, Yehova,Uzifihle ngamaxesha engxingongo?
2 Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana;Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.
3 Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe.Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.
4 Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza.Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
5 Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke;Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye;Bonke ababandezeli bakhe úyabafuthela.
6 Úthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa;Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.
7 Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela.Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.