3 Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe.Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.
4 Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza.Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
5 Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke;Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye;Bonke ababandezeli bakhe úyabafuthela.
6 Úthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa;Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.
7 Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela.Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.
8 Uhlala emilaleleni yeengqili,Agwinte omsulwa entsithelweni;Amehlo akhe azonda oludwayi.
9 Úlalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo;Ulalela ukuba axwile emke nosizana;Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.