13 Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
14 Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.
15 Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.
16 Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho,Ingabi sazana nayo indawo yayo.
17 Ke yona inceba ka Yehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni,Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;
18 Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe,Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.
19 UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe,Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.