6 NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;
7 Umazisi weendlela zakhe kuMoses,Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.
8 Unemfesane enobabalo uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9 Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10 Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11 Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
12 Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;