9 Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10 Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11 Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
12 Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
13 Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
14 Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.
15 Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.