24 Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.
25 Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.
26 Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,NoAron awamnyulayo.
27 Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe,Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.
28 Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama;Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.
29 Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi,Wazibulala iintlanzi zabo.
30 Ilizwe labo lanyakazela amaseleEzingontsini zookumkani babo.